Vuka Sula
Kwanele ngesikhalo, hlis’ umoya
Njengomntwan’ obekhala
Qabuka kubom’ obutsha. xolis' intliziyo
Sula iinyembezi
Jonga ngamehlw’ amatsha
Ilizw’ elitsha, ubomi obutsha
Qabuka vuka, uyabona awukohlulwa
Ubomi abuyontsomi, awuthandwa ngabantu bonke
Uyaz’ amandla ngawakho
Awusoli bantu ngokwenzekayo kubomi bakho
Uyaz’ amandla ngawakho
Awugxeki bantu ngokwenzekayo kubomi babo
Kwanele ngesikhalo, hlis’ umoya
Nje ngomntwan’ obekhala
Qabuka kubom’ obutsha. xolis' intliziyo
Vuka uvuthulule bonk’ ubuvuvu
Okhuliswe ngabo yilokishi
Kanti nasekhaya bath’ unje nje nje ngoban
Bath’ unje nje nje, bathi unje nje nje
Batheth’ ingath’ awunay’ ingqondo yakho
Vul’ amehlo ufund’ ukuzithanda
Unay’ imvume yokuthi awufuni mh m, awfuni
Fund’ ukuziphatha
Fund’ ukuyek’ ukuphisa ngento ongenayo
Kwanele ngokulwa
Kwanele ngesikhalo, hlis’ umoya
Nje ngomntwan’ obekhala
Qabuka kubom’ obutsha xolis' intliziyo
Kwanele ngesikhalo, hlis’ umoya
Nje ngomntwan’ obekhala
Qabuka kubom’ obutsha xolis' intliziyo
Uyaz’ amandla ngawakho, awusoli bantu
Xolis' intliziyo
Uyaz’ amandla ngawakho, awugxeki bantu
Xolis' intliziyo
Unay’ imvume yokuthi awufuni awfuni awfuni
Xolis' intliziyo