Abantu balendawo
Kukho abantu kulendawo
Abafun'ubona ntwentle tu
Xa bebon'omny'umntu ezama
Bayonyanya
Bathi uzenza ngcono
Ngcono landel'iphupha lakho
Ngcono usabel'ubizo lwakho eyi
Ngcono kuthwa uyaphambana
Kunokuba
Uphalale njengabo
Xa ndibulisa bayathul'
Ndithi molweni abavumi
Xa ndidlula bayathetha
Bathi akabulisi
Ucing'ba ongcono
Abasafuni nohlala nam
Xa ndingena bayaphakama bahambe
Uzosimoshela abantwana lo
Makahambe
Bendifuna uthando nje
Kanti abantu balendawo banjani?
Abafun'ubona ntwentle tu
Xa bebon'omny'umntu ezama
Bayonyanya
Bathi uzenza ngcono
Ngcon'ulandel'iphupha lakho
Ngcon'usabel'ubizo lwakho ha
Ngcono kuthwa uyaphambana
Kunokuba
Uphalale njengabo
Kanti abantu balendawo
Abafun'ubona ntwentle tu
Xa bebon'omny'umntu ezama
Bayonyanya
Bath'uzenza ngcono